Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.