1. Zizo ke ezi iintloko zezindlu zooyise, nokubhalwa kwazo emilibeni yokuzalwa, ezenyuka nam, ziphuma eBhabheli, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani:
2. koonyana bakaPinehasi nguGershom; koonyana bakaItamare nguDaniyeli; koonyana bakaDavide nguHatushe;
3. koonyana bakaShekaniya, koonyana bakaParoshe, nguZekariya, enamadoda abhalwe emilibeni yokuzalwa, alikhulu elinamanci mahlanu;
4. koonyana bakaPahati wakwaMowabhi nguEliyohenayi unyana kaZeraya, enamadoda angamakhulu mabini;
5. koonyana bakaShekaniya, ngunyana kaYahaziyeli, enamadoda angamakhulu amathathu;
6. koonyana baka-Adin nguEbhede unyana kaYonatan, enamadoda amashumi mahlanu;
7. koonyana bakaElam nguYeshaya unyana ka-Ataliya, enamadoda amashumi asixhenxe:
8. koonyana bakaShefatiya nguZebhadiya unyana kaMikayeli, enamadoda amashumi asibhozo;
9. koonyana bakaYowabhi nguObhadiya unyana kaYehiyeli, enamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
10. koonyana bakaShelomiti ngunyana kaYosifiya, enamadoda alikhulu elinamanci mathandathu;
11. koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;
12. koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;
13. koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
14. koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
15. Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.