47. oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,
48. oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,
49. oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,
50. oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,
51. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,
52. oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida,
53. oonyana bakaHarsha, oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
54. oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
55. Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPeruda,
56. oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,
57. oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.
58. Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
59. Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
60. oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
61. Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
62. abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
63. Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.*
64. Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
65. ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
66. Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu;
67. iinkamela zabo ibingamakhulu amané, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.