37. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.
38. Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.
39. Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.
40. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.
41. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
42. Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.