1. Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca.
2. Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wóthini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.
3. Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Oko akuyi kubakho; watsho uYehova.
4. Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso iNkosi uYehova ibiza umlilo, ukuba yohlwaye ngawo; wawagqiba amanzi amaninzi enzonzobila, wasitshisa isahlulo sehlabathi.
5. Ndathi, Nkosi Yehova, khawuyeke; wóthini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.
6. Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Nako oko akuyi kubakho; itsho iNkosi uYehova.
7. Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa.
8. UYehova wathi kum, Ùbona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.