1. Yeha ke abatyeshileyo eZiyon, nabakholose ngentaba yakwaSamari; abadumileyo ngamagama kwintlahlela yeentlanga, eza kubo indlu kaSirayeli!
2. Welelani eKalene, nibone; nisuke khona niye eHamati enkulu, nihle niye eGati yamaFilisti; ukuba ilungile na loo mizi kunezikumkani; ukuba míkhulu na imida yayo kunemida yenu.
3. Nina, bàba imini yokubi ikude, basondeza isihlalo sogonyamelo;