23. koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi;
24. esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan;
25. esizweni soonyana bakaZebhulon, sisikhulu esinguElitsafan, unyana kaParnaki;
26. esizweni soonyana bakaIsakare, sisikhulu esinguPalatiyeli, unyana ka-Azan;
27. esizweni soonyana baka-Ashere, sisikhulu esinguAhihudi, unyana kaShelomi;
28. esizweni soonyana bakaNafetali, sisikhulu esinguPedayeli, unyana ka-Amihude.
29. Ngabo abo, awabawiselayo umthetho uYehova wokuba bababele ilifa oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan.