37. Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim, ngokwababalwáyo kubo; amashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo.
38. Oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; nguBhela ozala amaBhela; nguAshebhele ozala ama-Ashebhele; nguAhiram ozala ama-Ahiram;
39. nguShefufam ozala amaShefufam; nguHufam ozala amaHufam.
40. Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman.
41. Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwáyo kubo ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.
42. Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo.
43. Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anamané amawaka, anamakhulu mané.
44. Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozala amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya.