35. Ngabo aba oonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo: nguShutela ozala amaShutela; nguBhekere ozala amaBhekere; nguTahan ozala amaTahan.
36. Ngabo aba oonyana bakaShutela: nguEran ozala amaEran.
37. Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim, ngokwababalwáyo kubo; amashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo.