13. nguYakin ozala amaYakin; nguZera ozala amaZera; nguSawule ozala amaSawule.
14. Yiyo leyo imizalwane yamaSimon: amashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini.
15. Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon ozala amaTsefon; nguHagi ozala amaHagi; nguShuni ozala amaShuni;
16. nguOzeni ozala amaOzeni;
17. nguEri ozala amaEri; nguArodi ozala ama-Arodi; nguAreli ozala ama-Areli.
18. Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi, ngokwababalwáyo kubo: amashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.
19. Oonyana bakaYuda nguEre no-Onan; bafa ooEre no-Onan ezweni lakwaKanan.
20. Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera.
21. Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli.
22. Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwáyo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.