2. Waphakamisa amehlo akhe uBhileham, wawabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo, uMoya kaThixo wamfikela.
3. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Utsho uBhileham unyana kaBhehore,Itsho indoda ecinywe amehlo;
4. Utsho ova ukuthetha kukaThixo,Owubonayo umbono woSomandla,Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo.
5. Azizintle ngako iintente zakho, Yakobi!Neminquba yakho, Sirayeli!