Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.