Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu.