Bafika oonyana bakaSirayeli, lonke ibandla, entlango yaseTsin ngenyanga yokuqala; bahlala abantu eKadeshe. Wafela khona uMiriyam, wangcwatyelwa khona.