12. Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan.
13. Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
14. Kuqala ke kwanduluka ibhanile* yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi, phezu komkhosi wakhe;
15. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare;
16. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon.
17. Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba.
18. Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure;
19. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;
20. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.
21. Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke âbaya bawumise umnquba engekafiki wona.
22. Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo;
23. phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
24. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25. Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo;
26. phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran;
27. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.
28. Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.
29. Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli.
30. Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam.