Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihléla yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe.