1. Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.
2. Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.
3. Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.
4. Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.
5. Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge.
6. Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge.
7. Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.
8. Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo.