1. Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge.
2. Ndathi kohlekayo, Ùyageza; nakovuyayo, Wénza ntoni na lo?
3. Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko; ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.
4. Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,
5. ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;
6. ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;