1. Yabona, ùyinzwakazi, wethu; yabona, ùyinzwakazi.Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho;Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhweOsemathambekeni eentaba zaseGiliyadi.
2. Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo,Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni,Zinamawele zonke,Kungekho ifelweyo kuzo.
3. Ùnjengosinga olubomvu umlomo wakho;Ukuthetha kwakho kumnandi.Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakhoNgaphaya kwesigqubuthelo sakho.
4. Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi,Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe,Onke amakhaka amagorha.
5. Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi,Esidla phakathi kweenyibiba.