3. Kuba ndandingunyana kubawo,Ndíthambile, ndímnye phambi koma.
4. Wandiyala ke, wathi kum,Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am;Gcina imithetho yam, uphile,
5. Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo;Musa ukulibala, ungàthi gu bucala entethweni yomlomo wam.
6. Musa ukubushiya, bókugcina;Buthande, bókulondoloza.
7. Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko,Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
8. Búnonelele, bokuphakamisa;Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.