12. Ùyayibona indoda ilumkile kwawayo amehlo,Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
13. Ivila lithi, Kukho ingonyama endleleni,Kukho ingonyama ezitratweni.
14. Ucango lujinga ezihinjizini* zalo,Linjalo ivila elukhukweni lwalo.
15. Ivila lifaka isandla salo esityeni,Yindiniso ukusibuyisela kwasemlonyeni walo.
16. Ivila lilumkile kwawalo amehloKunabasixhenxe abaphendula ngemvo.
17. Úbamba ngendlebe inja igqitha,Ophuphuma umsindo ngembambano angephambi kwayo.