2. Ubeke isitshetshe emqaleni wakho,Ukuba ùngumntu onombilini.
3. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa;Kukudla kwenkohliso.
4. Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi;Yeka okwakho ukuqonda.
5. Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko,Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
6. Musa ukudla ukudla koliso libi,Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
7. Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena;Úthi kuwe, Yidla usele,Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
8. Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
9. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi;Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
10. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala;Ungangeni emasimini eenkedama;
11. Kuba umkhululi wazo womelele;Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.
12. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni,Neendlebe zakho entethweni yokwazi.
13. Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni;Ukuba ùthe wambetha ngentonga akayi kufa.
14. Wombetha ngentonga,Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.
15. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho.Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,