1. Úthanda uqeqesho othanda ukwazi;Úthiya isohlwayo osisityhakala.
2. Olungileyo uyamkeleka kuYehova;Indoda enamayelenqe uyifumana inetyala.
3. Akuzimaseki mntu, enokungendawo;Ke yona ingcambu yamalungisa ayishukunyiswa.
4. Umfazi onesidima usisithsaba endodeni yakhe;Owenza okuziintloni unjengempehla emathanjeni ayo.
5. Iingcinga zamalungisa zisesikweni;Amacebo abangendawo yinkohliso.
6. Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi;Umlomo wabathe tye uyabahlangula.
7. Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;Indlu yamalungisa iyema.