3. Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo,Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.
4. Ngokuba àbanazintlungu ekufeni kwabo;Baphilile, batyebile umzimba wabo;
5. Ebubini babantu àbakho bona;Àbakhathazwa njengabanye abantu.
6. Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.
7. Amehlo abo avelile kukutyeba;Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.
8. Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;Bathetha iindumbisa zamazwi.