1. Yehova, musa ukundohlwaya únomsindo,Ungandithethisi únobushushu.
2. Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile;Ndíphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
3. Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu;Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4. Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam;Ndísindise ngenxa yenceba yakho.
5. Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6. Ndidiniwe kukugcuma kwam;Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam;Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.
8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.
9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;UYehova umthandazo wam uyawamkela.