5. Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
6. Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wenaEzweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.
7. Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho;Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.
8. Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe,Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam,Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.