10. Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo,Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?
11. Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.