12. Musa ukundinikela elitheni labandibandezelayo,Ngokuba ndiphakanyelwe ngamangqina axokayo, nabafutha ukugonyamela.
13. Ndinge ndiphelelwe, koko bendikholwa kukuba ndokubona ukulunga kukaYehovaEzweni lobu bomi.
14. Thembela kuYehova;Yomelela, ikhaliphe intliziyo yakho,Uthembele kuYehova.