4. Ohleli emazulwini úyahleka,INkosi iyabagculela.
5. Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo,Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.
6. Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wamPhezu kweZiyon, intaba yam engcwele.
7. Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo:UYehova uthe kum, ÙnguNyana wam wena;Mna namhla ndikuzele.
8. Cela kum, ndikuníke iintlanga zibe lilifa lakho,Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.
9. Ùya kuzivikiva ngentonga yentsimbi,Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.