4. Malunga nemisebenzi yabantu, ngelizwi lomlomo wakho,Mna ndizigcinile, andangena kwiindlela zamanyangaza.
5. Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam.
6. Mna ndinqula wena, ngokuba undiphendula, Thixo;Ndíthobele indlebe yakho, kúve ukuthetha kwam.
7. Zibalule iinceba zakho, wena wabasindisayo abazímela ngawe,Ngesandla sakho sokunene, ngenxa yabasukela phezulu kubo.