3. Ngongàhlebiyo ngolwimi lwakhe,Ongamenziyo into embi uwabo,Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe;
4. Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo,Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova;Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye,
5. Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo,Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa.Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade.