1. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke;Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.
2. Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele,Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho;Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.
3. Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula,Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.
4. Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi,Bakuweva amazwi omlomo wakho;
5. Bavume ngeendlela zikaYehova,Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:
6. Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, úyambona othobekileyo;Ke yena oziphakamisayo úmazi nakude.
7. Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, ùyandiphilisa;Wòsolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho,Sindisindise isandla sakho sokunene.