1. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke;Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.
2. Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele,Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho;Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.
3. Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula,Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.