1. Ndavuya bakuthi kum,Masiye endlwini kaYehova.
2. Iinyawo zethu zifike zemaEmasangweni akho, Yerusalem;
3. Yerusalem, wena wakhiweyoNgokomzi ohlangeneyo wamnye;
4. Apho zinyuka ziye khona izizwe,Izizwe zikaYehova;Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli,Ukuba kubúlelwe kwigama likaYehova.