61. Izintya zabangendawo zindithandele,Àndiwulibele umyalelo wakhe noko.
62. Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe,Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
63. Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo,Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.
64. Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi;Ndífundise imimiselo yakho.
65. Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho,Yehova, ngokwelizwi lakho.
66. Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo,Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.
67. Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.
68. Ùlungile wena, ulungisa;Ndífundise imimiselo yakho.
69. Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.
70. Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.
71. Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.
72. Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho,Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.