1. Thixo wendumiso yam, musa ukuthi tu;
2. Ngokuba bandakhamisele umlomo ongendawo, nomlomo onenkohliso;Bathetha ngam ngolwimi lobuxoki.
3. Bandijikele ngeentetho zentiyo;Balwa nam ngelizé.
4. Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa,Ndibe mna ndithandaza.