10. Awalimisayo ukuba libe ngummiselo kuYakobi,Libe ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;
11. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,Libe licandelo lelifa lenu;
12. Besengamadoda ambalwa,Bebancinane, bengabaphambukeli kulo.
13. Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga,Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.
14. Akavumelanga mntu ukuba abacudise,Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;
15. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.
16. Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.
17. Wathuma indoda phambi kwabo;Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.
18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;
19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.
20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;