1. Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo,Ongemiyo endleleni yaboni,Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
2. Yena unonelela umyalelo kaYehova;Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:
3. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi,Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo,Ogqabi lawo lingabuniyo;Konke akwenzayo kophumelela.
4. Àbanjalo abangendawo;Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni,Naboni ebandleni lamalungisa.
6. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa;Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.
funda isahluko epheleleyo Iindumiso 1