24. USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe,UMikhono yezandla zakhe inokusityeda,Ngezandla zembalasane kaYakobi,Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
25. NgoThixo wooyihlo — akuncede,NgoSomandla — akusikelele,Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu,Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi,Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
26. Iintsikelelo zikayihloZizigqithile iintsikelelo zomawokhulu,Zasa nasemdeni weentaba zanini;Mazibe sentloko kuYosefu,Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
27. UBhenjamin yingcuka eqwengayo;Kusasa úya kudla okuphangiweyo,Ngokuhlwa úya kwaba okuthinjiweyo.
28. Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
29. Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,