UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zenkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.