UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.