7. UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.
8. UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga.
9. Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nizé kubona ubuzé belizwe eli.
10. Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla.
11. Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho àbazizo iintlola.
12. Wathi kubo, Hayi, nizé kubona ubuzé belizwe eli.
13. Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababaini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. Uyabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho.
14. Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola.
15. Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane.
16. Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola.
17. Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu.
18. UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.
19. Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
20. Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
21. Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.