Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba úthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala.