24. Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.
25. Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.
26. Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.
27. Ngabo aba oonyana bakaEtsere:
28. nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.
29. Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna,
30. isikhulu esinguDishon, isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.
31. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:
32. uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.
33. Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.
34. Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.