14. Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.
15. Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esinguOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki.
16. Zizo ezo izikhulu zakwaElifazi ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana baka-Ada.
17. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.
18. Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.
19. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.
20. Ngabo aba oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna,
21. noDishon, noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.
22. Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.
23. Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.
24. Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.
25. Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.
26. Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.
27. Ngabo aba oonyana bakaEtsere: