2. Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;
3. sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.
4. Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki* obungakwaShekem.
5. Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, àyabasukela oonyana bakaYakobi.
6. Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli, yena nabo bonke abantu ababenaye.