14. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, ùqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho ziné, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.
15. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.
16. Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.
17. KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, úqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; ùya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.
18. Úya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, ùdle umfuno wasendle.
19. Ùya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba ùluthuli, ùya kubuyela kwaseluthulini.
20. UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva,* ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.
21. UYehova uThixo wabenzela iingubo zezìntsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.
22. Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:
23. uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo.
24. Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi,* nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.