30. Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.
31. UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.
32. Wamitha ke uLeya, wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen,* ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.
33. Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika naló; wamthiya igama elinguSimon.*
34. Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.*
35. Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yoko wamthiya igama elinguYuda.* Wanqamka ukuzala.