1. Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare.
2. UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; yima ezweni endiya kukuxelela lona.
3. Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;