wathetha koonyana bakaHeti, esithi, Ndingumphambukeli, ndilundwendwe kuni; ndinikeni ndibe nendawo yam yokungcwaba phakathi kwenu, ukuze ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam.